Deuteronomy 28:65 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Napakati kwabaheyideni abo akuyi kuba nakwonwaba; kanjako umzantsi wonyawo lwako awuyi kuba nakupumla: ngokuba uyehova eya kukunika apo intliziyo yokungcangcazela, nokupela kwamehlo, nokucubuka kwompefumlo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakathi kwezo ntlanga akusayi kunyhamnyheka, ayisayi kuba nakuphumla intende yonyawo lwakho; uYehova wokunika apho ukugungqa kwentliziyo, nokuphela kwamehlo, nokuthiswa komphefumlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye phakathi kwezo ntlanga aniyi kufumana kuphumla, nentende yeenyawo zenu ayisayi kuzola; aze ke uYehova aninike intliziyo eyaphukileyo namehlo anorhatyazo nodandatheko lwengqondo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Soze ufumane nzolo naphi naphi, ungasoze ufumane nandawo yakuphumla. UNdikhoyo uya kukubetha ngonxunguphalo, ukuphalala, nokuncama.