Deuteronomy 28:67 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokusa uya kuti: Akwaba bekukukuhlwa! nangokuhlwa woti: Akwaba bekukukusa! ngenxa yokwoyika kwentliziyo yako uya kwoyika ngako, nangenxa yombono wamehlo ako uya kuwubona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kusasa wothi, Akwaba bekungokuhlwa! ngokuhlwa wothi, Akwaba bekukusasa! ngenxa yokunkwantya kwentliziyo yakho oya kunkwantya ngako, nangenxa yokubona aya kukubona amehlo akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kusasa uya kuthi: “Ewe, bekungokuhlwa! ngokuhlwa uya kuthi, Kwowu, bekungomso! ngokoyikeka kwentliziyo yakho, oya kunkwantya ngako, nangenxa yokubona aya kukubona amehlo akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuba liphakuphaku ngenxa yobubi obubonayo. Kuya kuthi kwakuba kusasa uthi: ‘Akwaba belitshona,’ uthi ke lakutshona: ‘Akwaba beliphuma.’