Deuteronomy 28:68 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova eya kukubuyisela e‐Jipete ngenqanawa, ngendlela endandisiti kuwe: Akusayi kupinda uyibone; naniya kutengiselwa apo ezintshabeni zenu nibe ngamakoboka namakobokakazi, kanti akuyi kubako o ni tengayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wokubuyisela eYiputa ngeenqanawa, ngendlela endathi kuwe, Uze ungabi saphinda uyibone; kuthengiswe ngani khona ezintshabeni zenu, ukuba nibe ngamakhoboka namakhobokazana, kungabikho bani unithengayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wokubuyisela eYiputa ngeenqanawa, njengoko ndathi kuni, Aniyi kuphinda niyibone; yaye apho niya kuthengiswa kwiintshaba zenu ukuze nibe ngamakhoboka namakhoboka, yaye akukho bani uya kunithenga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uya kukubuyisela eJiputa ngeenqanawa, nangona nje ndandithe soze uphinde ubuyele khona. Apho ke uya kuzama ukuzithengisa kwiintshaba zakho, kodwa ke akukho bani uya kuze akuthenge.”