Deuteronomy 29:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuze kuti ke, yakuva amazwi esifungo esi, izitamsanqele entliziyweni yayo, isiti: Ndoba noxolo, nakuba ndihambayo ngobulukuni bentliziyo yam, ukuze ndongeze ukunxila pezu kwokunxanwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuthi, ekuweveni kwakhe amazwi esi sishwabulo, azisikelele entliziyweni yakhe, esithi, Ndoba noxolo; ngokuba ndihamba ebungqoleni bentliziyo yam, ukuze kuphetshethwe osele wahlutha kwanonxaniweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye akuba eweva amazwi esi siqalekiso, wazisikelela entliziyweni yakhe, esithi: Ndiya kuba noxolo, nokuba ndihamba ngeminqweno yentliziyo yam, ndisongeza ukunxila enxanweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu ololo hlobo athi akuyiva imiqathango yalo mnqophiso azikhohlise entliziyweni yakhe, athi: ‘Mna andinakuhlelwa nto; ndohlala eluxolweni noxa ndisenza ukuthanda kwam,’ into enjalo ingabangela ukuba kutshatyalaliswe konke nje, olungileyo nongendawo.