Deuteronomy 29:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wabiza o‐Sirayeli bonke, wati kubo: Nikubonile konke akwenzileyo uyehova pambi kwamehlo enu, elizweni le‐Jipete, ku‐Faro, nakuzo zonke izicaka zake, nakulo lonke ilizwe lake;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wawabiza amaSirayeli onke, wathi kuwo, Nikubonile konke akwenzileyo uYehova emehlweni enu ezweni laseYiputa, kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses wababiza bonke oonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Nikubonile konke akwenzileyo uYehova phambi kwenu ezweni laseYiputa, kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wawahlanganisa ndawonye amaSirayeli, waza wathetha nawo wenjenje: “Nizibonele ngokwenu into eyenziwe nguNdikhoyo kukumkani waseJiputa, nakumaphakathi akhe, nelizwe lakhe liphela.