Deuteronomy 29:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova akayi kuvuma ukuyixolela, kodwa oko kuya kuquma ingqumbo kayehova nobukwele bake ngakuyo indoda leyo, nazo zonke iziqalekiso eziba̔liweyo kulencwadi ziya kulala pezu kwayo; waye uyehova eya kucima igama layo ngapantsi kwezulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova akasayi kuvuma ukumxolela; wosuka uqhume umsindo kaYehova nekhwele lakhe kuloo ndoda, silalephezu kwayo sonke isishwabulo esibhaliweyo kule ncwadi, alicime uYehova igama layo phantsi kwezulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova akayi kuba nanceba kuye, kodwa umsindo kaYehova nekhwele lakhe uya kuvuka kuloo mphefumlo, ziwele phezu kwakhe zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi, alibize uYehova igama lakhe phantsi kwezulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uNdikhoyo akayi kuba natarhu kumntu onjalo. Ndaweni yaloo nto uya kucaphuka, uvuthe umsindo wakhe, zize zithi neziqalekiso ezibhaliweyo apha kule ncwadi zimgubungele, ade ke uNdikhoyo amcime igama kwelimiweyo.