Deuteronomy 29:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isonka anisidlanga, neveyine notywala aniziselanga; ukuze nikwazi ukuba ndi nguyehova, utixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Beningenasonka nawayini natywala, kodwa uNdikhoyo unilungiselele, khon' ukuze nimqonde ukuba unguNdikhoyo uThixo wenu.