Deuteronomy 29:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wagcineni ngoko amazwi ocebano olu, nenze ngawo, ukuze nilungiseke kuko konke enikwenzayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagcineni ke amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nikwenze ngengqiqo konke eniya kukwenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagcineni amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nibe nempumelelo ezintweni zonke enisukuba nizenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke yithobeleni ngenyameko imiqathango yalo mnqophiso, khon' ukuze nibe nempumelelo kuyo yonke into eniyenzayo.