Deuteronomy 3:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Yahire, unyana ka‐Manase, watabata sonke isahlulo se‐Ragobi kwada kwakuwo umda wama‐Geshure nama‐Mahaka; wayebiza ezo ndawo ngegama lake, nge‐Bashane‐havote‐yahire, kwada kwanamhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYahire, unyana kaManase, wathabatha wonke ummandla weArgobhi, wada wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wawubiza ngegama lakhe, wathi iBhashan yiHavoti-yahire, unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYayire, unyana kaManase, waloyisa lonke ilizwe laseArgobhi ukuya kufikelela kumda waseGeshuri neMagati; wazibiza ngegama lakhe, wathi yiBhashan-havoti-yahire unanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJayire wendlu kaManase wawuthatha wonke loo mmandla waseAgobhi, iBhashan, ukuya kutsho kwimimandla yaseGeshuri naseMahaka. Ezo dolophu ke wazithiya ngaye; nangoku ke kusathiwa zezikaJayire.