Deuteronomy 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuma‐Rubene nakuma‐Gadi ndanika kutabata e‐Gileyadi kude kwakuwo umlambo we‐Arenone, pakati kwentili, nomda wakona; nakude kwakuwo umlambo we‐Yaboki, umda wosapo luka‐Hamoni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaRubhen namaGadi ndawanika, ndithabathela kwelaseGiliyadi, ndada ke ndesa kumlanjana oyiArnon, empholokhohlweni wesihlambo, naloo mmandla waso, ndada ndesa naseYabhoki emlanjaneni, emdeni woonyana baka-Amon;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaRubhen namaGadi ndawanika isiqingatha somfula ophuma eGiliyadi, uye emlanjeni oyiArnon, nomda weYabhoki, emdeni woonyana baka-Amon;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaRubhen namaGadi ndawabela ummandla waseGiliyadi ukuya kumlambo iAnoni. Umbindi waloo ntili yangumda ongezantsi; umda ongasentla wona yangumlambo iJabhoko onxalenye yawo yayingumda wama-Amon.