Deuteronomy 3:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova esiti kum: Ungamoyiki; ngokuba ndiya kunika yena, nabo bonke abantu bake, nelizwe lake, esandleni sako; wauya kwenza kuye, njengokuba wenzile ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kum, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; uya kwenza kuye njengoko wenza ngako kuSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum, Musa ukumoyika; ngokuba ndiya kumnikela esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; uya kwenza kuye njengoko wenzayo kuSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo ke wathi kum: ‘Musani ukumoyika; ndimnikele ezandleni zenu, ndawonye nomkhosi wakhe, nawo wonke umhlaba wakhe. Nakuye yenzani kwangaloo ndlela nenza ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon.’