Deuteronomy 3:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova ebequmbile ngakum ngenxa yenu, wabengandipulapuli; koko wabesiti uyehova kum: Makukwanele; ungabi sapinda ukuteta kum ngalendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandiphuphumela uYehova ngomsindo ngenxa yenu, akandiphulaphula; wathi uYehova kum, Yanela, musa ukuba saphinda uthethe kum ngale ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandifuthela uYehova ngenxa yenu, akandiphulaphula; wathi uYehova kum, Kwanele; ungaphindi uthethe nam ngalento.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke ngenxa yenu, bantundini, uNdikhoyo wacaphuka, akandiphulaphula, suka wathi: ‘Kwanele; sukuba sathetha nokuthetha! Andisafuni kuva nto ngalo mcimbi.