Deuteronomy 3:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yala u‐Yoshuwa, umomeleze, umkalipise: ngokuba yena eya kuwela pambi kwababantu, abamkelise ilifa lelozwe uya kulibona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYoshuwa mwisele umthetho, umomeleze, umkhaliphise; ngokuba yena uya kuwela yena phambi kwaba bantu; yena uya kubadlisa ilifa, elilelo lizwe uya kulibona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa mwisele umthetho, umomeleze, umkhaliphise, ngokuba yena uya kuhlala phambi kwaba bantu; yena uya kubadlisa ilifa, elilelo lizwe aya kulibona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa myale, umkhuthaze, umomeleze, kuba nguye oza kukhokela amaSirayeli awele aye kuma kwelo lizwe ulibonayo.’