Deuteronomy 30:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, xeshekweni zonke ezizinto ziya kuza pezu kwako, itamsanqeliso nesiqalekiso, endizibekileyo pambi kwako, wandule uzikumbulele entliziyweni yako pakati kwazo zonke intlanga, apo akugxotele kona uyehova, utixo wako,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ke, xa athe eza phezu kwakho onke la mazwi, iintsikelelo neziqalekiso, endizibeke phambi kwakho, wazikhumbula uphakathi kweentlanga zonke, athe wakugxothela kuzo uYehova uThixo wakho,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa zithe zanifikela zonke ezo zinto, intsikelelo nesiqalekiso, endizibeke phambi kwenu, wazikhumbula phakathi kweentlanga zonke, athe wakuphangalalisela kuzo uYehova uThixo wakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Zakuba zifikile zonke ezi ntsikelelo endikuxelele ngazo, zaza zakuhlela neziqalekiso, kungenzeka ukuba uzithathele ingqalelo naphi na apho uNdikhoyo uThixo wakho athe wakusasaza khona phakathi kweentlanga.