Deuteronomy 30:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba umtande uyehova, utixo wako, n okuba upulapule ilizwi lake, nokuba unamatele kuye: ngokuba yena ebubomi bako nobude bemihla yako: ukuba uhlale elizweni owafunga uyehova koyihlo bako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba alinike kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye, ngokuba bubomi bakho nokolulwa kwemihla yakho, ukuze uhlale emhlabeni awufungelayo uYehova ooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba ndibanike wona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mthande uNdikhoyo uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, uthi nca kuye. Kaloku nguye okunika ubomi noya kukolulela iminyaka kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi.”