Deuteronomy 30:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova, utixo wako, eya kukutyebisa ngawo wonke umsebenzi wesandla sako, ngesixakato sesizalo sako, nangesixakato sezilo zako, nangesiqa̔mo somhlaba wako, kube kokulungileyo: ngokuba uyehova eya kubuya agcobe pezu kwako ukukwenz ela okulungileyo, njengokuba wabegcoba pezu kwoyihlo bako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uThixo wakho uya kwandisa kumsebenzi wonke wesandla sakho, kwisiqhamo sesizalo sakho, nakwisiqhamo senkomo yakho, nakwisiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya abe nemihlali ngawe, kulunge, njengoko waba nemihlali ngooyihlo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandise uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho, isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo senkomo yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya akholiswe nguwe, kulunge, njengoko wabakholisayo ooyihlo:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uThixo wakho uya kukupha intlutha kuko konke okwenzayo; ùya kuphiwa inzala, ube nenyambalala yeenkomo, ngokunjalo namasimi akho achume. Kuya kuba luvuyo kuNdikhoyo ukukunika intlutha, kwanjengokuba kwakuluvuyo kuye ukwenjenjalo kooyihlo-mkhulu.