Deuteronomy 31:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hlanganisa abantu, amadoda, nabafazi, nentsapo, nowasemzini wako opakati kwamasango ako, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uyehova, utixo wenu, balumkele ukwenza onke amazwi alomteto:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bobizelwa ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlanganisele ndawonye abantu, amadoda nabafazi nabantwana, nomphambukeli osemasangweni akho, ukuze beve, bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bawagcine ngenyameko onke amazwi alo myalelo:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makuqokelelwe bonke abantu – amadoda, abafazi, nabantwana, ngokunjalo nabangeneleli abalapho phakathi kwenu – khon' ukuze bawuve, bafunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wenu, bazithobele bazenze ngondileko iimfundiso zalo mthetho.