Deuteronomy 31:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
n okuba abantwana babo, abangawazanga, beve, bafunde ukumoyika uyehova, utixo wenu: yonke imihla eniya kubudla ubomi pezu kwalomhlaba, apo niwela i‐Yoredane ukuya kona, ukuba niwufuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
beve noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, yonke imihla enidla ubomi ngayo, kuloo mhlaba eniwela iYordan nisiya kuwuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
beve oonyana babo, ababengazi, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, ekuhlaleni kwenu emhlabeni, eniwela iYordan nisiya kuwuhlutha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngale ndlela ke nabantwana benu abangekawazi lo mthetho baya kuwuva. Ngoko ke baya kufunda ukumthobela bamhlonele uNdikhoyo uThixo wenu ngalo lonke ithuba nihleli kwelo lizwe niza kungena kulo phesheya kweJordan.”