Deuteronomy 31:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Yehova wati ku‐Mosesi: Bona ke, iyasondela imihla yako yokufa; biza u‐Yoshuwa, nizimise ententeni yentlangano, ndize ndimyalezele. Baya u‐Mosesi no‐Yoshuwa, bazimisa ententeni yentlangano.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yabona, isondele imihla yakho yokuba ufe. Biza uYoshuwa, niye nime ententeni yokuhlangana, ndimyale. Baya ooMoses noYoshuwa, bema ententeni yokuhlangana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yabona, isondele imihla yakho yokuba ufe; Wamemeza uYoshuwa, wema ententeni yokuhlangana, ukuze ndimyalele. Bahamba ooMoses noYoshuwa, babazisa ententeni yokuhlangana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Ngoku sekumbovu ukuba ufe. Ngoko ke biza uYoshuwa, uye naye *esibingelelweni, khon' ukuze ndimyale.” Ngenene ke uMosis noYoshuwa baya esibingelelweni,