Deuteronomy 31:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, ziba̔leleni lengoma, uyifundise elusatsheni luka‐Sirayeli, yibeke emilonyeni yalo; ukuze lengoma ibe indinqi̔nela ngakulo usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke zibhaleleni le ngoma, niyifundise oonyana bakaSirayeli, niyibeke emlonyeni wabo, ukuze le ngoma ibe lingqina lam koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke zibhaleleni le ngoma, niyifundise oonyana bakaSirayeli; bayibeke emlonyeni wabo, ukuze le ngoma ibe bubungqina bam koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke bhala le ngoma, uyifundise amaSirayeli, ayicule, ibe lingqina lomnqophiso wam kunye nawo.