Deuteronomy 31:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kubo: Ndiyiminyaka ilikulu linamashumi mabini, ubudala bam, namhla; andingebuye ndipume ndingene; ngokuba uyehova etshilo kum ukuti: Akuyi kuwela i‐Yoredane le.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi kuwo, Ndiminyaka ilikhulu elinamanci mabini namhla ndizelwe. Andisenako ukuphuma nokungena; noYehova uthe kum, Akusayi kuyiwela le Yordan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
wathi kubo, Namhlanje ndiminyaka ilikhulu elinamanci mabini ndizelwe; Andisenako ukungena nokuphuma; Waphinda wathi uYehova kum, Akusayi kuyiwela le Yordan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi: “Ngoku sendinekhulu mashumi mabini eminyaka. Andisenako ukunikhokela. Kaloku *uNdikhoyo wandazisa ukuba andiyi kuyiwela iJordan.