Deuteronomy 31:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, okuya lufunyenwe bububi obuninzi nabubunzima, yopendula ingoma le ebusweni balo ibe linqi̔na; ngokuba ingayi kulityalwa imke emlonyeni wenzalo yalo: ngokuba ndisazi ukucinga kwalo olukwenzayo lona namhla, ndingekalungenisi elizweni endifungile ngalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, xa bathe bafunyanwa bububi obuninzi naziimbandezelo, isuke le ngoma iphendule phambi kwabo, ibe lingqina: kuba ayisayi kulityalwa imke emlonyeni wembewu yabo;kuba ndiyakwazi ukucamanga kwabo abakwenzayo namhla, ndingekabangenisi nje kwelo zwe ndifunge ngalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa bathe bahlelwa bububi obuninzi, isuke le ngoma ingqina ngabo; ngokuba ayisayi kulityalwa emlonyeni wabantwana babo; ngokuba ndiyazazi iingcinga zabo ukuba basaxhalabile, nangoku, ndingekabangenisi ezweni endabafungayo kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kweso sithuba ke aya kuhlelwa yintlekele nentlupheko. Ke yona le ngoma iya kuba isaculwa sisizukulwana, ibe lingqina elidandalazisa isono samaSirayeli. Andithi na kaloku, kanye ngoku ndingekawangenisi nokuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo, sendiyibona imikhwa yawo.”