Deuteronomy 31:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hlanganiselani kum bonke abadala bezizwe zenu, namagosa enu, ukuba nditete lamazwi ezindlebeni zabo, ndinqi̔nise ngakubo izulu nomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bizelani ndawonye onke amadoda amakhulu ezizwe zenu, nababhali benu, beze kum, ndiwathethe la mazwi ezindlebeni zabo, ndingqinisise amazulu nehlabathi ngabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndihlanganiseleni onke amadoda amakhulu emizalwane yenu, nabakhonzi bakho, ukuze ndiwathethe la mazwi apho bawevayo khona, ndibize izulu nomhlaba phezu kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke khanihlanganise amadoda amakhulu ezizwe zakowenu neenduna zenu, ukuze ndiwaxelele ezi zinto. Ndiza kubiza amazulu nehlabathi, ukuze andingqinele.