Deuteronomy 31:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndisazi ukuba noti, emva kwokufa kwam, nigqibele ukuzonakalisa, nipambuke endleleni endiniyalele ngayo; nokuba ububi bonihlela emihleni yasemva, ekuya niyenza inkohlakalo emehlweni kayehova, ukumqumbisa ngomsebenzi wezandla zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndiyazi ukuba, emva kokufa kwam, niya kuzonakalisa kanye, nityeke endleleni endiniwisele umthetho ngayo, nihlelwe bububi ekupheleni kwemihla; ngokuba niya kwenza ububi phambi koYehova, ukuba nimqumbise ngomsebenzi wezandla zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndiyazi ukuba emva kokufa kwam niya kutshabalala kuphele, nityeke endleleni endiniwisele umthetho ngayo; nokwehlelwa yintlekele ekupheleni kwemihla; ngokuba uya kwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba umqumbise ngemisebenzi yezandla zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ndiyazi ukuba xa ndingasekho niya kuba ziinjubaqa, niphambuke kule ndlela ndiniyalele yona. Kananjalo ke, kumaxesha ezayo, niya kuhlelwa ziintlekele ngenxa yokuba nixhokonxa uNdikhoyo ngobubi bezithixo ezenziwe zizandla zenu.”