Deuteronomy 31:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wabiza u‐Yoshuwa, wati kuye emehlweni abo bonke o‐Sirayeli: Yomelele ukalipe, ngokuba uya kungena nababantu elizweni, owayefungela oyise babo uyehova ukuba abape lona; wobamkelisa ilifa lalo wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika;wena uya kubadlisa ilifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uMoses wambiza uYoshuwa waza wathi kuye phambi koonyana bakaSirayeli bonke: “Yiba nesibindi uze ukhaliphe, kuba wena uya kuhamba nesi sizwana uye kwilizwe awathembisa ngalo uYehova kooyise ukuba wobanika lona nika; yaye uya kubenza babe lilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wabiza uYoshuwa, wathetha naye phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “Qina ukhaliphe! Kaloku nguwe oza kukhokela aba bantu, uye kubadlisa ilifa labo kwelo lizwe uNdikhoyo wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu.