Deuteronomy 31:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noyehova, nguye ohambayo pambi kwako; woba nawe yena; akayi kukuyeka, akayi kukushiya kanjako: ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NguYehova okhokelayo; yena uya kuba nawe, akayi kukulahla, akayi kukulahla; musani ukoyika, musani ukoyika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.”