Deuteronomy 32:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Ndobafihlela ubuso bam; ndiya kubona ukupela kwabo ukuba kwoba yinto nina; ngokuba besisizukulwana sokujikajika, usapo ekungekulo inyaniseko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo, Ndibone ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo; Ngokuba basisizukulwana sempenduka, Ngoonyana abangenantembeko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo, ndibone ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo; kuba bayintsapho embi kakhulu, abantwana abangenalukholo kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Ubuso bam ndiza kubufihla, ndibone ukuba loba yintoni ikamva labo; kuba basisizukulwana esigwenxa, abantwana abangathembekanga.