Deuteronomy 32:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kucontiswa yindlala, badliwe sisifo esitshayo, nasisitshabalaliso esiṙaṙa: namazinyo amaṙamncwa ndowatuma pezu kwabo, kunye nobuhlungu benyoka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Omakhanywa kukulamba, omadliwa kukurhala, Nembubhiso ekrakra. Ndiya kubathumela izinyo lamarhamncwa, Nobuhlungu bezinambuzane zothuli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Odliwa yindlala, odliwe kukurhala, nekuphanza elikrakra; ndiya kubathumela amazinyo amarhamncwa, nobuhlungu beenyoka zothuli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kuthi shuu yindlala nephango, bacikidwe ngubhubhani nezifo-yifo, amarhamncwa abaqwenge ngezo ngxavula zawo, bathi nca bubuhlungu bezirhubuluzayo.