Deuteronomy 32:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngeete nina omnye ukusukela iwaka, nababini ukusabisa ishumi lamawaka, ukuba ilitye labo belingatengisanga ngabo, nokuba uyehova ebengabayekelelanga?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yo! Ebengayi kuthi na emnye kubo asukele iwaka, Bebabini bagxothe amawaka alishumi, Ukuba belingathengisanga ngabo iLiwa labo, Wabanikela uYehova?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bebeya kubaleka njani na iwaka, yaye bekuya kuthini na ukusaba ishumi lamawaka amabini, ukuba iLiwa labo belingathengisanga ngabo, waza uYehova wabazala?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iwaka lingaze loyiswe ngumntu omnye; ishumi lamawaka libalek' ababini, ukanti abaphoxwanga yiNgxondorha yabo, mhlawumbi bayekelwe nguNdikhoyo?