Deuteronomy 32:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova eya kutetelela abantu bake, abe nosizi pezu kwezicaka zake, xeshekweni abonayo ukuba kumkile amandla, nokuba akuko ovaliweyo nokululekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uya kugweba phakathi kwabantu bakhe uYehova, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe, Xa abonayo ukuba ethile amandla, Uphelile ovalelweyo novulelweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba uYehova uya kubagweba abantu bakhe yaye uya kuba buhlungu ngenxa yabakhonzi bakhe xa ebona amandla abo ephelile, yaye akukho bani uvalelweyo okanye ushiywe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uNdikhoyo wobavelela abantu bakhe, avelane nazo izicaka zakhe, akuba eqonda ukuba baphelelwe, kungasekho mahluko phakathi kwenkosi nesicaka.