Deuteronomy 32:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonani kaloku ukuba mna ndinguye; akuko utixo kunye nam: ndiyatisa, ndiyenza kudliwe ubomi kanjako; ndiyatyumza, ndiyapolisa kanjako; akuko namnye ongahlangulayo esandleni sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonani ngoku, ukuba mna ndinguye; Tu thixo unam.Ndiyabulala, ndidlise ubomi; Ndiyaphalusa, ndiphilise mna; Tu uhlangulayo esandleni sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonani ngoku, ukuba ndikho nje, ngokuba kungekho thixo unam. Ndiyabulala, ndidlise ubomi; Ndihlabile, ndiphilisa, akukho unokuhlangula esandleni sam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Niyabona ke, ndim, ewe ndim ndedwa uThixo; akukho thixo wumbi ngaphandle kwam. Ndiyabulala, ndidlisa ubomi; ndiyenzakalisa, ndiyanyanga futhi; tu ohlangulayo esandleni sam.