Deuteronomy 32:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Vuyani, zintlanga! kunye n abantu bake: ngokuba eya kupindezelela igazi lezicaka zake, abuyise impindezelo pezu kwabalane bake, axolele ilizwe lake n abantu bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Memelelani, zintlanga, ngenxa yaba ntu bakhe, Ngokuba eliphindezelela igazi laba khonzi bakhe, Abuyisele impindezelo kubabande zeli bakhe, Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Memelelani, zintlanga, bantu bakhe, ngenxa yokuba eliphindezelela igazi labakhonzi bakhe, eliphindezelela impindezelo kubachasi bakhe, abe nemfesane ezweni lakhe nakubantu bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hoyina, zizwe, dumisani ngenxa yabantu bakaNdikhoyo! Kalok' uyalibuyekeza igazi lezicaka zakhe. Zidliwe yimpindezelo iintshaba zakhe; kambe ke uyazicamagushela izono zabantu bakhe nelizwe lakhe.