Deuteronomy 32:46 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati kubo: Bekisani intliziyo zenu ngakuwo onke amazwi endiwanqi̔nisayo kuni namhla; eniya kubayalela abantwana benu ukuba balumkele ukuwenza, onke amazwi alomteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo phakathi kwenu namhla, nibawisele umthetho oonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi kuwo: “Wathatheleni ingqalelo onke la mazwi endiwabhekise kuni namhlanje. Ze niwayalele abantwana benu, khon' ukuze bafunde ukuyithobela ngenyameko yonke imfundiso yalo mthetho.