Deuteronomy 32:47 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ingeyinto engendawo le kuni; koko ibubomi benu: nangalento niya kuyolula imihla emhlabeni, eniwela i‐Yoredane ukuya kona ukuba niwufuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu;ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba akulambatha kuni; ngokuba bubomi bakho; yaye ngenxa yoko niya kuyandisa imihla yenu kwilizwe eniwela iYordan nisiya kulidla ilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku le mfundiso ayikuko ukulavuza nje, koko bubomi kuni. Ngoko ke yithobeleni niyenze, khon' ukuze nibe nokuma ixesha elide kwelo lizwe niya kulo phesheya kweJordan.”