Deuteronomy 32:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa opezu konke wazamkelisa intlanga ilifa, nxa wabahlukanisa onyana baka‐Adame, wamisa imida yabantu ngokwenani losapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa, Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam, Wayimisa imida yezizwe Ngokwenani loonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa Oyena Uphakamileyo wazabela ilifa lazo phakathi kweentlanga, Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam, Wayimisa imida yeentlanga ngokwenani loonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xenikweni uPhezukonke wazabela ilifa izizwe; yena wabahlula-hlula oonyana babantu, waza izizwe wazimisela imida yazo ngokobungakanani boonyana bakaSirayeli.