Deuteronomy 33:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngo‐Benjamine wati: Umtandwa kayehova uya kuhlala ngokunqaba ngakuye; uya kumkusela imini yonke, napakati kwamagxalaba ake uya kuhlala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NgoBhenjamin wathi, Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile; Uyikhusele imini yonke, Ihlala phakathi kwamagxa akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NgoBhenjamin wathi, Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile; yaye uYehova uya kumgubungela yonke imihla, yaye uya kuhlala phakathi kwamagxa akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NgoBhenjamin wathi: “UNdikhoyo uyamthanda uBhenjamin; yena usoloko emalusile. Uhlala ekhuselekile imini yonke; yena umi phantsi kwephiko lakhe.”