Deuteronomy 33:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubungcwalisa bake bu njenge zibulo lenkomo yake, nempondo zake zi njenge mpondo zenyati; kwa ngazo uya kunquba abantu kunye ezipelweni zelizwe: ezi zingamawakawaka akwa‐Frayime, ezi zingamawaka akwa‐Manase.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo!Ziimpondo zenqu iimpondo zayo; Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi. Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo.Ngamawaka akwaManase ke lawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eyamazibulo inkunzi yakhe, ubungangamsha bayo, neempondo zayo zinjengeempondo zenqu; ngoko ke uya kubatyhala abantu kude kuse eziphelweni zehlabathi; yaye bangamawaka alishumi akwaEfrayim, yaye bangamawaka akwaManase.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu nkunzi yakwabani ukomelela, emise okwenyathi – mpondo ezo zizezamawaka akwaManase namashumi amawaka akwaEfrayim. Ngazo uhlabanisela izizwe; ewe, nezo ziseziphelweni zehlabathi.”