Deuteronomy 33:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kubiza abantu beze entabeni; apo baya kubinga imibingo yobulungisa: ngokuba beya kwanya ubuninzi belwandle, nendyebo eziselelweyo entlabatini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kumema izizwe, zize entabeni, Babingelele khona imibingelelo yobulungisa; Ngokuba besanya ubutyebi beelwandle Nezinto eziselelwe entlabathini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kubizela entabeni iintlanga; baya kubingelela khona imibingelelo yobulungisa; ngokuba besanya ubutyebi baselwandle nobuncwane obufihliweyo entlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizwe bozimemela entabeni yabo, bawenzele apho amadini afanelekileyo. Bona bamfimfitha indyebo yaselwandle, ubutyebi babo babubhaqe elunxwemeni.”