Deuteronomy 33:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Uyehova wavela e‐Sinai, wapuma e‐Sehire pezu kwabo; wakazimla entabeni ye‐Parane, weza namawakawaka abangcwele; kwesokunene sake umlilo wabungumteto kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wavela eSinayi, Waphuma kwaSehire phezu kwabo;Wabengezela esezintabeni zeParan, Weza ephuma kwiingcwele ezimawaka alishumi, Ekunene kwakhe ikukubinza komlilo kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, uYehova wavela eSinayi, wabakhupha kwaSehire; Wabengezela esezintabeni zaseParan, weza neshumi lamawaka abantu bengcwele; ekunene kwakhe ngumthetho womlilo kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwintaba iSinayi gqi qhaphu *uNdikhoyo; njengelanga wathi gqi kwaEdom. Wabengezela evela kwiintaba zeParan; wavela enamawaka-waka ezithunywa zakhe, kudangazela okomlilo ngasekunene kwakhe.