Deuteronomy 34:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova esiti kuye: Eli lelozwe endandifungile ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi, ngokuti: Ndolinika kwinzalo yako. Ndikubonisile lona ngamehlo ako, kanti akuyi kuwela ukuya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho; ndikukhangelisile ngamehlo, ke akuyi kuwela uye kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndathi, Ndiya kulinika imbewu yakho; Ndikubonise ngamehlo akho, kodwa ungahambi. Pha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuMosis: “Nanko ke umhlaba endathembisa ngawo ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi ndakuze ndiwunike abazukulwana babo. Ndifuna uwubone nje, kuba wena ngokwakho awuzukuya kungena kuwo.”