Deuteronomy 34:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, ebezele ngumoya wobulumko; ngokuba u‐Mosesi ebelalisile izandla zake pezu kwake: lwaza usapo luka‐Sirayeli lwampulapula, lwenza njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko;ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe uMoses wamwisela umthetho ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wabeka izandla phezu kwakhe; Bamthobela oonyana bakaSirayeli, benza njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa unyana kaNune wazaliswa bubulumko nokuqonda, kuba kaloku uMosis wambeka izandla emngenisa ezihlangwini zakhe. NamaSirayeli ke amthobela uYoshuwa, enza ngokwemiyalelo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo.