Deuteronomy 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umhla obumi ngawo ebusweni bukayehova, utixo wako, e‐Horebe, akuti uyehova kum: Bahlanganisele kum abantu aba, ndandiya kubavisa amazwi am, ukuba bafunde ukundoyika yonke imihla abaya kubudla ubomi ngayo pezu kwomhlaba, nokuba bafundise abantwana babo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ingakumbi ngemini owama ngayo phambi koYehova uThixo wakho, eHorebhe, oko uYehova wathi kum, Ndihlanganisele abantu, ndibaphulaphule amazwi am, bafunde ukundiva; boyike yonke imihla yobomi babo emhlabeni, bafundise abantwana babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngalaa mini nanimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu kwintaba iHorebhe, apho wathetha nam wathi: ‘Bahlanganise ndawonye aba bantu, ukuze baweve amazwi am, bafunde ukundihlonela nanini na besadla amazimba kweli gada lomhlaba, nokuze bafundise nabantwana babo.’