Deuteronomy 4:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waxela kuni ucebano lwake, owaniyalelayo ukuba nilwenze, amazwi alishumi; wawaba̔la pezu kwamacwecwe amatye amabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wanixelela umnqophiso wakhe, awaniwisela umthetho ngawo ukuba niwenze, amazwi alishumi; wawabhala emacwecweni amabini amatye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wanizisa ngomnqophiso wakhe awaniwisela umthetho ngawo, ukuba niwuzalise, lowo ngumthetho olishumi; wayibhala emacwecweni amabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.