Deuteronomy 4:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako uyehova wabendiqumbela ngendawo yenu, wafunga ukuba andiyi kuwela i‐Yoredane, nokuba andiyi kungena kwelozwe lilungileyo, olipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phezu koko uYehova wandifuthela ngenxa yamazwi enu, wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan, andiyi kungena ezweni elihle akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuba libe lilifa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, uYehova waba nomsindo kum ngenxa yenu waza wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan nokuba andiyi kungena kwilizwe elihle uYehova uThixo wenu aya kuninika lona njengelifa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngenxa yenu uNdikhoyo uThixo wenu waxabana nam, wafunga ukuba andiyi kuwuwela umlambo iJordan ndilibone ilizwe lendyebo aninika lona.