Deuteronomy 4:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, uke ubuze kwimihla yamatanci, ebiko pambili kuwe, kuselokwalomhla wadalayo utixo abantu pezu kwomhlaba, nakwenye incam yezulu kude kube kwenye incam yezulu, ukuba kekwabako na okunjengayo into enkulu le, umhlaumbi ukuba kekwaviwa na okufana nayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khanibuze ngoku, kwimihla yamandulo, eyayikho phambi kwenu, kususela ekumdaleni kukaThixo umntu ehlabathini, uthabathe, uthabathele esiphelweni sezulu, use kwesinye isiphelo samazulu, ukuba ikho na into enjengale, nokuba kwakha kwakho nje; uyeva?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ze nifunisise nibuzise ngamaxesha amandulo ningekazalwa, de kuye kwixesha apho uThixo wadala umntu emhlabeni. Ze nibuzise ehlabathini liphela. Ngaba into enjengale yakha yehla na ngaphambili? Ngaba ukhona na umntu owakha weva ngento enjengale?