Deuteronomy 4:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umhlaumbi kewalinga na utixo ukuya kuzitabatela uhlanga kwa pakati kwohlanga olunye, ngezilingelo, ngemiqondiso, nangemimangaliso, nangemfazwe, nangesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangezoyikiso ezikulu, njengako konke abekwenzela nina uyehova, utixo wenu, e‐Jipete pambi kwamehlo enu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okanye kukho thixo wakha walinga na ukuya kuzithabathela uhlanga phakathi kohlanga ngezilingo, nangemiqondiso, nangezimanga, nangemfazwe, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, njengako konke akwenzileyo kuni uYehova uThixo wenu eYiputa, emehlweni akho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okanye ngaba uThixo wayefuna ukuhlanganisa abantu phakathi kwabanye abantu ngezilingo, ngemiqondiso, ngezilingo, nangemfazwe, nangesandla esomeleleyo, nangesandla esoluliweyo, nangezoyikiso ezinkulu, nangako konke uYehova akwenzileyo? uThixo wakwenza iYiputa emehlweni akho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukhona na omnye *uthixo owakha waphuthuma abantu kwesinye isizwe, waza wabenza abakhe ncakasana? Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu amandla obungangamsha bakhe wawabonakalisa phambi kwenu; wezisa izibetho neemfazwe, wenza imiqondiso nemimangaliso, watsho kwehla izinto ezirhwaqelisayo, nto leyo wayenzayo ngenxa yenu eJiputa.