Deuteronomy 4:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa sezulwini wakuvisa ilizwi lake, ukuze akululeke; napezu kwomhlaba wakubonisa umlilo wake omkulu; namazwi ake waweva epakati kwomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakuvisa izwi lakhe liphuma emazulwini, ukuba akuqeqeshe, nasemhlabeni wakubonisa umlilo wakhe omkhulu, waweva namazwi akhe phakathi komlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waliva ilizwi lakhe emazulwini ukuba anifundise; kwaye ehlabathini wabonisa umlilo wakhe omkhulu; naweva amazwi akhe emlilweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahlokomisa ilizwi lakhe emazulwini kuba eniqeqesha. Nathi nilapha emhlabeni wanibonisa umlilokazi wakhe, waza wathetha nani elapho kuwo.