Deuteronomy 4:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako uya kugcina imimiselo yake, nemiyalelo yake, endikuyalelayo namhla nje, ukuba kulunge kuwe nakubantwana bako emva kwako, nokuba wolule imihla pezu kwomhlaba, owupiwayo nguyehova, utixo wako, kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, endikumisela yona namhla, ukuba kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho emhlabeni, lowo akunika wona uYehova uThixo wakho imihla yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ugcine imithetho yakhe, nemithetho yakhe, endikuwiselayo namhla, ukuze usikelelwe, wena noonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho kwelo lizwe, uYehova uThixo wakho, omnikayo kude kuse ephakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.”