Deuteronomy 4:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zigcineni ngoko, nizenze: ngokuba oku kuya kuba bubulumko benu nengqondo yenu emehlweni entlanga, eziya kuziva zonke ezizimiselo, ziti: Ngabantu abalumkileyo nabanengqondo oluhlanga lukulu kupela!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Gcinani ningenzi; ngenxa yokuba bubulumko benu nokuqonda kwenu phambi kwamehlo eentlanga eziya kuyiva yonke le miyalelo, isithi: ‘Eneneni, olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yithobeleni niyigcine, zize ezinye izizwe ziniqonde ukuba ninobulumko nengqiqo. Zakuva ngale mimiselo ziya kutsho ukuthi: ‘Hayi, ukulumka nokuba nengqiqo kolu hlanga olukhulu!’