Deuteronomy 4:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba lulupina uhlanga olukulu olunaye utixo ekufupi kulo, njengoyehova, utixo wetu, ngako konke esimbizelayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kulo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba luluphi uhlanga olukhulu uThixo asondele kulo, njengoko uYehova, uThixo wethu, esondele kulo naphi na apho simbiza khona?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza?